Kanyi - Ingoma

preview_player
Показать описание
Bath'abantu akusiz'ukhala kodwa
Kunceda bani njani uzam'ufihlinyani ndibuza kuba ndifunukuqonda
Ntoba ngendamenzelan'uZodwa
Hlele mbizen'ebilay'intenayo emenay'uDyakalashe emane'bond'ephethi phini lodwa
Zinto zababini azingenwa ngabanintsi ntombi ndini uthi ndithini ndodwa
Wafele endlin'ekitchen uZodwa, ngoba wayesolokw'esineke
Komlungu kube funu qum'ububibakhe noba ngokw'esishiyile ke
Sis'dumb'esesingenizulu jonga wona uwodw'umbuzo wayeshiyeke kum
Ndimzonda ngaphakath'ekikizeli sandl'engaphapham'elele cum,
Kwenyi border
Oh zintlungu zodwa, imswelekisile nyani'ndoda
Joe ufeli'ow yodwa nyaniso noba ndiyazi ndodwa
Ndizivil'izingqi bendinesazel'esindibhijel'okwe anaconda
Bimbilil'ingwiqi ililil'ngingqi kwachiphiz'amathontsana odwa
Wen'ubulindele ntoni ukufumen'okukufa ubuku order
Ngenxa yokoyik'intloni uncam'ubom ubungayazi ntombi ziyabhoda
Mihla le ngonyamezel'ungonjwa
Siphola njan'islonde'shlala sgronjwa sisono sodwa mxm Zodwa

Mayikhal'ingoma (Iyomkhapha ayolala)
Khal'ingoma (Thuthuzela baselapha)
Khal'ingoma
Sisazama, s'kazuncama, khal'ingoma
Siph'amandla, sisahamba, thin'la number

Mayikhal'ingoma (Iyomkhapha ayolala)
Khal'ingoma (Thuthuzela baselapha)
Khal'ingoma
Sisazama, s'kazuncama, khal'ingoma
Siph'amandla, sisahamba, thin'la number

Fikil'umphanga ewe ke makhosi, cimil'uSolomzi ehosi walidlozi
Bangaziyo bath'ibiyingoz'umgosi andiwulondoloz'ebengeyongelosi lo
Hosh, kanangonakal'esweleke esoneka laman'emali yinyani mos
Andimosh'ibani ndiyanincoma ningalilibali eli libali leliso lalomzi yise ka lomzi awu Solomzi
Oko Msholoz'ethandu hlabel'isumshini mboty'elokishini
Zamtyal'emhlabeni esebhokisin'ukufa akunkqonkqozi
Nobungaz'phosi hlangabezu'ukuhla kuyeza akuhlanga lungehlanga
Umeza wamemeza wathi nkos'yam nyembezi zizihlel'ingathi ngamathe'ngcosi
Nam ndvakalelw'ekhalela unyan'okugqibela nangon'ingaqini ntlonzi ncam,
Sathi pam-pam zalandel'isbham kwathi pam chith'ithonsti lam,
Rhabul'apha uzungafinci ngob'utywala busekhon'asinongabu phokozi,
Ngob'amadlaka alaph'ekasi egcwele sithi nje ngamanzi azelis'imbombozi,
Kubekhw'abangasabukokos'ubomi, abangayihloniphang'impilo le beyiphiwa,
Bathi kwawubanzima bangawu qhobosh'umthwalw'emqolo kuz'impahl'ingagoqozi,
Awunayo nengqondo umhlaba akanokugongqoza, ayihlabe ngqo inyama ayisobingagqobhozi,
Uqond'umgqobh'edlolo hlabel'aph'ungayilozi
Sith'ingoma apha kuSolomzi

Mayikhal'ingoma (Iyomkhapha ayolala)
Khal'ingoma (Thuthuzela baselapha)
Khal'ingoma
Sisazama, s'kazuncama, khal'ingoma
Siph'amandla, sisahamba, thin'la number

Mayikhal'ingoma (Iyomkhapha ayolala)
Khal'ingoma (Thuthuzela baselapha)
Khal'ingoma
Sisazama, s'kazuncama, khal'ingoma
Siph'amandla, sisahamba, thin'la number
Yeah Kanyi, Mananz that’s where it ends
Рекомендации по теме