filmov
tv
Sing Like a Pro - Module 5 IsiXhosa - Inkcaza Ngo Che Scompiglio

Показать описание
Kunyaka ngamnye, iqela leemvumi ze-CTO, lowo ubadlalelayo xabecula kunye nomqeqeshi baphuma iphulo elijikeleza ilizwe liphela ukuze babonelele ucweyo(workshop)kumawakawaka abafundi abakhuphisanayo kwi-South African Schools Choral Eisteddfod. Ngenxa yokuvalwa kwentshukumo eMzantsi Afrika ngoMatshi, iqela lalo nyaka liye lanyanzeleka ukuba liluqhawule ukhenketho lwalo. Isebe loQeqesho neZemfundo loLutsha le-CTO liyile iziqendu zeevidiyo zokufundisa ezili-12 ezibonisa ubuchule bokucula obufanelekileyo, kubalulwa iinguqu ezingqalileyo kwingoma nganye nakuhlobo lwelizwi, kwaye kuboniswa nangabo baphumelela ukhuphiswano lwe-SASCE nabacula njengeemvumi ezihlawulwayo ngoku. I-CTO isebenzisana neSebe leZemfundo esiSiseko ukuze ibonelele ngezi wekshophu onlayini kubafundi kuMzantsi Afrika nangaphaya. Ngombulelo ongazenzisiyo kwi-The Judith Neilson Head Trust, iSixeko saseKapa, i-Maria Marina Foundation, iSebe leZobugcisa neNkcubeko likaRhulumente weNtshona Koloni, i-The Patrons of Cape Town Opera kunye ne-UK Friends of Cape Town Opera Charitable Trust.